ITestamente eNtsha 2023
EyeDwarha 16–22. 1 no 2 AbaseTesalonika: “Sikuzalise Ukusilela koKholo Lwenu”


“EyeDwarha 16–22. 1 no 2 AbaseTesalonika: ‘Sikuzalise Ukusilela koKholo Lwenu,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeDwarha 16–22. 1 no 2 AbaseTesalonika,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
abafundisikazi bevangeli bethetha nomfana omncinane

EyeDwarha 16–22

1 no 2 AbaseTesalonika

“Sikuzalise Ukusilela koKholo Lwenu”

Ukuba asizibhali iimvakalelo esizifumana eMoyeni, sisenokuzilibala. Yintoni uMoya okuchukumisela ukuba uyibhale njengoko ufunda 1 no 2 AbaseTesalonika?

Bhala Iimvakalelo Zakho

KwelaseTesalonika, uPawulos noSilas babetyholwa ngokuba “baliqungaqungileyo elimiweyo” (IZenzo 17:6). Ukushumayela kwabo kwaqumbisa iinkokheli ezithile phakathi kwamaYuda, kwaye ezi nkokheli zaxhokonxela isaqunge ebantwini (bona IZenzo 17:1–10) Njengesiphumo soko, uPawulos noSilas baye bacetyiswa ukuba bahambe eTesalonika. UPawulos wayekhathazekile ngabaguqiki bamaTesalonika abatsha nangentshutshiso ababejongene nayo, kodwa wayengenako ukubuyela kwakhona abatyelele. “Ndingasenakuzibamba,” yena wabhala, “ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu.” Ekuphenduleni, umncedisi kaPawulos, uTimoti, owayekhonza eTesalonika, “wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu” (1 AbaseTesalonika 3:5–6). Eneneni, abaNgcwele baseTesalonika babesaziwa njengemizekelo “kubo bonke abakholwayo” (1 AbaseTesalonika 1:7), neendaba zokholo lwabo zanwenwela kwizixeko ezingaphesheya. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wovuyo lukaPawulos nesiqabu sokuva ukuba umsebenzi wakhe phakathi kwabo “wawungalambathanga” (1 AbaseTesalonika 2:1). Kodwa uPawulos wayesazi ukuba ukunyaniseka kwixesha eligqithileyo kwakungonelanga ukuphila ngokwasemoyeni kwixesha elizayo, kwaye wayedinwe yimpembelelo yabafundisi bobuxoki ababephakathi kwabaNgcwele (bona 2 AbaseTesalonika 2:2–3). Umyalezo wakhe kubo, nakuthi, ngowokuqhubeka “sikuzalise ukusilela kokholo [lwethu]” “nokukhula ngakumbi” eluthandweni (bona 1 AbaseTesalonika 3:10; 4:10).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

1 AbaseTesalonika 1–2

Abafundi bakaKrestu banceda abanye ngokunyaniseka nangothando.

Kwa-1 AbaseTesalonika, amazwi kaPawulos aveza inkxalabo novuyo lomntu owayezinikele ngokupheleleyo ekukhonzeni abantwana bakaThixo. Ngakumbi kwizahluko ezimbini zokuqala za-1 AbaseTesalonika, uya kufumana amazwi namabinzana awachaza impatho nezenzo zomfundi weNkosi. Umzekelo, yintoni oyifunda kwa-1 AbaseTesalonika 1:5–8; 2:1–13 emalunga nokukhonza iNkosi?

Cinga ngawakho amathuba okukhonza uThixo nabantwana baKhe. Yintoni oyifumana kwezi zahluko ekuphembelela ukuba uphucule inkonzo yakho? Cinga ngokuzibuza imibuzo esekelwe phezu koko ukufumanayo, efana nale “Ingaba ndingumzekelo wezinto endizaziyo?” (bona 1 AbaseTesalonika 1:7).

1 AbaseTesalonika 3:7–13; 4:1–12

“Inandise, inityebise eluthandweni.”

UPawulos wayevuyiswa kukunyaniseka kwabaNgcwele bamaTesalonika (bona 1 AbaseTesalonika 3:7–9). Kodwa wayekwafuna ukuba “bakhule ngakumbi” koko kunyaniseka (1 AbaseTesalonika 4:1). Njengoko ufunda 1 AbaseTesalonika 3:7–13; 4:1–12, cinga nzulu ngeendlela “ongakhula ngakumbi” ngazo ngokwasemoyeni (1 AbaseTesalonika 4:10). Umzekelo, qaphela ukuba uPawulos wayesebenzisa amazwi awafana “nobungcwele” “nongcwaliso.” Yintoni oyifunda kwizibhalo zikaPawulos emalunga neentsingiselo zala mazwi? INkosi ingakunceda njani ukuba ube ngcwele ngakumbi kwaye ungcwaliswe ngakumbi?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ngcwele,” “Ngcwaliso,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

1 AbaseTesalonika 4:16–18; 5:1–10; 2 AbaseTesalonika 1:4–10

Ukuba ndinyanisekile kwaye ndiphaphamile, ndiya kulungela ukuBuya Kwesibini koMsindisi.

Kwa-1 AbaseTesalonika 5:1–10, uPawulos wayesebenzisa izikweko eziliqela ukufundisa malunga nexesha lokuba uYesu aya kubuyela ngalo emhlabeni. Njengoko ufunda ezi zikweko, cinga ngokubhala phantsi iimvakalelo ezifika kuwe malunga noKubuya kweSibini kukaYesu Krestu:

  • “Isela ebusuku”:

  • “Inimba komithiyo”:

  • Ezinye izikweko ozifumanayo:

Zeziphi iinyaniso ezongezelelekileyo ozifunda kwa-1 AbaseTesalonika 4:16–18; 5:1–10; 2 AbaseTesalonika 1:4–10? Yintoni ochukunyiswa ukuba uyenze ukugada nokulungiselela ukubuya koMsindisi?

2 AbaseTesalonika 2

Ukreqo, okanye ukuwa enyanini, kwakuprofethiwe ukuba kuya kwandulela ukuBuya kweSibini.

Phakathi kweentshutshiso ezazisanda, abaNgcwele baseTesalonika abaninzi babekholelwa ukuba ukuBuya kweSibini koMsindisi kwakumele ukuba kusondele. Kodwa uPawulos wayesazi ukuba ngaphambi kokuba uYesu abuyele emhlabeni kwakuya kubakhona ukreqo—uvukelo okanye “ulahlo” enyanisweni (bona 2 AbaseTesalonika 2:1–4). Ungenza ukuqonda kwakho kube nzulu ngoKreqo oluKhulu—kunye nombulelo wakho woBuyiso—ngokucinga nzulu ngokunye koku kulandelayo:

  • Izibhalo ezazixela kwangaphambili ngoKreqo: Isaya 24:5; Amos 8:11–12; Mateyu 24:4–14; 2 Timoti 4:3–4

  • Izibhalo ezibonisa ukuba uKreqo lwalusele luqalile kwangexesha likaPawulos: IZenzo 20:28–30; AmaGalati 1:6–7; 1 Timoti 1:5–7

  • Ingqwalaselo ngoKreqo oluKhulu eyenziwa ngabalungisi bamaKrestu:

    UMartin Luther: “Akukho nto endiyifunileyo engaphaya kokubumba kwakhona iBandla elihambelana neZibhalo eziNgcwele. … Ngokulula ndithi ubuKrestu buyekile ukuphila phakathi kwabo bekumele ukuba babukhusele” (ku-E. G. Schweibert, Luther and His Times: The Reformation from a New Perspective [1950], 590).

    URoger Williams: “Ukreqo … lonakalise konke kangangokuba akunakubakho kufumana kwakhona kolo kreqo kude uKrestu athumele abapostile abatsha ukuzotyala amabandla ngokutsha” (kuPhilip Schaff, The Creeds of Christendom [1877], 851).

Bona kananjalo 2 Nifayi 28; IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ukreqo,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

1 AbaseTesalonika 3:9–13.Yintoni ekuchukumisayo malunga neemvakalelo uPawulos awayenazo ngakubahlobo bakhe? “Singandisa, sityebise eluthandweni, omnye komnye” kanjani? (umqolo 12).

1 AbaseTesalonika 4:13–18.Ngawaphi amabinzana kule miqolo awamalunga noVuko awakunika intuthuzelo?

1 AbaseTesalonika 5:14–25.Njengoko uhlola kwakhona ingcebiso kaPawulos ku-1 AbaseTesalonika 5:14–25, mema ilungu ngalinye losapho ukuba lifumane ibinzana usapho olungagxila kulo. Fumanani iindlela zobuchule zokubonisa la mabinzana ekhayeni lenu njengesikhumbuzo. Umzekelo, umntu ngamnye usenokufumana okanye azobe umfanekiso obonisa okanye onyanzelisa ibinzana yena alikhethileyo.

2 AbaseTesalonika 3:13.Ingaba sikhe sizive “sidinwa kukwenza okulungileyo”—sigutyungelwa mhlawumbi, ziimfuneko zobufundi? Yintoni esincedayo xa siziva ngolu hlobo? (Bona AmaGalati 6:9; IMfundiso neMinqophiso 64:33.) Singaxhasana njani xa oku kusenzeka?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funa isityhilelo yonke imihla. “Isityhilelo rhoqo siza ‘umgca phezu komgca’ (2 Nifayi 28:30), hayi sonke ngaxesha nye. … Musa ukucinga [ngofundo lwevangeli] ngathi yinto nje oyenzela ixesha kodwa yicinge njengento osoloko uyenza” (Teaching in the Savior’s Way12).

Umfanekiso
UKrestu esemafini

Resurrected Christ, nguRobert T. Barret [UKrestu oVukileyo Kwabafileyo]

Shicilela