ITestamente eNtsha 2023
EyeDwarha 9–15. AbaseFilipi; AbaseKolose: “NdinokuZenza iZinto Zonke, ndikulowo uNdomelezayo uKrestu”


“EyeDwarha 9–15. AbaseFilipi; AbaseKolose: ‘NdinokuZenza iZinto Zonke, ndikulowo uNdomelezayo uKrestu,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeDwarha 9–15. AbaseFilipi; AbaseKolose,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UPawulos uyalela ileta entolongweni

EyeDwarha 9–15

AbaseFilipi; AbaseKolose

“NdinokuZenza iZinto Zonke, ndikulowo uNdomelezayo uKrestu”

Ugqibele nini ukufunda iimvakalelo zokomoya ozibhale ngexesha lofundo lwakho lweTestamente eNtsha? Kunokuba luncedo ukuphonononga iimpembelelo obukade uzifumana.

Bhala Iimvakalelo Zakho

UPawulos wabhala iincwadi zakhe eziya kwabaseFilipi nabaseKolose xa wayelibanjwa eRoma. Kodwa ezi leta azinaso isandi onokusilindela kumntu osentolongweni. UPawulos wathetha ngakumbi ngovuyo, evuya, nombulelo kunokuba wayethetha ngeembandezelo nezilingo: “kwaziswa uKrestu.,” watsho, “ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya” (AbaseFilipi 1:18). Kwaye “nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona … nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKrestu.” (AbaseKolose 2:5). Ngokuqinisekileyo, “uxolo lukaThixo” olwafunyanwa nguPawulos kwiimeko zakhe ezinzima “olugqithisele kuko konke ukuqonda” (AbaseFilipi 4:7), kodwa nangona kunjalo yayiyinyani. Kwezethu izilingo, sinako ukuluva olu xolo kwaye “sivuye eNkosini amaxesha onke” (AbaseFilipi 4:4). Sinako, njengoPawulos, ukuxhomekeka ngokupheleleyo kuYesu Krestu, “esinayo kuye inkululeko” (AbaseKolose 1:14). Sinokuthi, njengoPawulos, “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKrestu” (AbaseFilipi 4:13; bona kananjalo AbaseKolose 1:11).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

AbaseFilipi 2:5–11; AbaseKolose 1:12-23

Ukholo lwam lusekelwe kuYesu Krestu.

UMongameli Russell M. Nelson wathi xa egxila kwisifundo sakhe sezibhalo kwimiqolo emalunga noYesu Krestu, kwaye kwaba nefuthe kuye kangangokuba waziva ngathi “ungumntu owahlukileyo!” (“Drawing the Power of Jesus Christ into Our Live,” Liyahona, Canzibe 2017, 39. Cinga ngokulandela umzekelo wakhe njengoko ufunda abaseFilipi nabaseKolose (bona ngakumbi AbaseFilipi 2:5–11; AbaseKolose 1:12–23). Ufunda ntoni ngoMsindisi? Ezi nyaniso zingakunceda njani ukuba ube “yindoda eyahlukileyo” okanye umfazi owahlukileyo?

AbaseFilipi 2:12–13

Ingaba “siyalusebenza [olwethu] usindiso”?

Abanye abantu basebenzisa ibinzana elithi “lusebenzeni olwenu usindiso” (AbaseFilipi 2:12) ukuxhasa uluvo lokuba sisindiswa kuphela yimizamo yethu. Abanye basebenzisa imfundiso kaPawulos “nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo” (AbaseFilipi 2:8) ukubanga ukuba akukho misebenzi ifunekayo kusindiso. Nangona kunjalo, izibhalo, kuquka nemibhalo kaPawulos, ngokucacileyo zifundisa imfuneko yazo zombini ubabalo lukaYesu Krestu nemigudu yobuqu ukuze ufumane usindiso. Kwaye nakwimizamo yethu yokusebenzela usindiso lwethu, “nguThixo osebenzayo kuwe” (AbaseFilipi 2:13; bona kananjalo AbaseFilipi 1:6; 2 Nifayi 25:23; IsiKhokelo kwiZibhalo, “Babalo”).

AbaseFilipi 3:4–14

Ivangeli kaYesu Krestu ifanelwe ngawo onke amadini.

UPawulos wancama okuninzi xa wayeguqukela kwivangeli kaYesu Krestu, kuquka nendawo enempembelelo awayenayo kuluntu lwamaYuda njengomFarisi. Ku-AbaseFilipi 3:4–14, jonga oko wakuzuzayo uPawulos ngenxa yokuba wayekulungele ukwenzela ivangeli amadini. Wayeziva njani ngamadini akhe?

Emva koko cinga ngobufundi bakho. Yintoni owenze idini ngayo ngenxa yevangeli kaYesu Krestu? Yintoni oyifumeneyo? Ingaba akhona amanye amadini awongezelelekileyo oziva ufuna ukuwenza ukuze ube ngumfundi woMsindisi ozinikele ngakumbi?

Bona kananjalo 3 Nifayi 9:19–20; IMfundiso neMinqophiso 58:2–5.

AbaseFilipi 4:1–13

Ndingafumana uvuyo kuKrestu, nokuba zithini na iimeko zam.

Ubomi bukaPawulos ngumzekelo ocacileyo wenyaniso ebonakaliswe nguMongameli Russell M. Nelson: “Xa ukugxila kobomi bethu … bukuYesu Krestu nakwivangeli yaKhe, singaluva uvuyo kungakhathaliseki okwenzekayo—okanye kungenzekiyo—ebomini bethu Uvuyo luvela kuye nangenxa yaKhe” (“Joy and Spiritual Survival,” Liyahona, Nkanga. 2016, 82).

Njengoko ufunda AbaseFilipi—ngakumbi isahluko 4—khangela iingxelo ezinokukunceda ufumane uvuyo kuyo nayiphi na imeko yobomi bakho. Wakhe waluva nini “uxolo lukaThixo” ngexesha elinzima? (umqolo 7). Wakhe wawafumana nini amandla “ngoKrestu” okwenza izinto ezinzima? (umqolo 13). Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukuba “ndanele” kuzo zonke iimeko? (umqolo 11). Ukuziqhelanisa neempawu kumqolo 8 kungakunceda njani ufumane uvuyo kwiimeko zakho?

Bona Alma 33:23.

AbaseKolose 3:1–17

Abafundi bakaYesu Krestu baba “batsha” njengoko bephila ivangeli yaKhe.

Ungaxela njani ukuba uYesu Krestu uyakunceda ukuba ube “yindoda entsha [okanye umfazi]”? Enye indlela yokucinga nzulu ngoku kukujonga AbaseKolose 3:1–17 kwaye wenze uluhlu lwezimo zengqondo, neempawu kunye nezenzo “zomntu omdala” kunye nolunye uluhlu lokuziphatha, neempawu kunye nezenzo “zomntu omtsha.”

Bhala iingcinga zakho malunga nokuba uMsindisi ukutshintsha njani, ukuze ukwazi ukuzikhumbula kwixa elizayo kwaye ucinge nzulu ngokuba uqhuba njani.”

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AbaseFilipi.Usapho lwakho lungawaqaphela la magama uvuyo okanye vuyani ephindaphindwa rhoqo kwabaseFilipi. Ngaxesha linye udibana nelinye lala magama, ninokuma kwaye nixoxe ngokufundiswa nguPawulos malunga nendlela yokufumana uvuyo.

AbaseFilipi 2:14–16.Singathi “sibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini” njani?

AbaseFilipi 4:8.Amalungu osapho angachonga izinto “abacinga ngazo” ezihambelana neenkcazo ezikulo mqolo (bona kananjalo IziVumo zoKholo 1:13). Lungasikeleleka njani usapho lwakho ngokulandela ingcebiso kaPawulos?

AbaseKolose 1:23; 2:7.Mhlawumbi usapho lwakho lungayifunda le miqolo ngelixa luhleli lugrangqe umthi okanye lujonge umfanekiso womthi (njengalowo ukhapha esi sishwankathelo). Kuthetha ukuthini “niqinile” kwaye “nendele” kuKrestu? Singancedana njani ukuze someleze iingcambu zethu zokomoya?

AbaseKolose 2:2–3.Usapho lwakho lungonwabela ukugcwalisa “ibhokisi yobuncwane” ngezinto ezimele “ubutyebi” kunye “nobuncwane bobulumko nolwazi” enizifumana kwivangeli.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Phila ubungqina bakho. “Wena ufundisa oko ukuko,” uMdala Neal A. Maxwell wafundisa. “Iimpawu zakho ziya kukhunjulwa ngakumbi … kunenyani ethile kwisifundo esithile” (kwi-Teaching in the Savior’s Way, 13).

Umfanekiso
umthi oneengcambu ezininzi

UPawulos wafundisa ukuba ukholo lwethu lufanele “lwendele” kuYesu Krestu (AbaseKolose 2:7).

Shicilela