Ngcwaliso Khangela kanjalo Gweba, Kugwetywa; Hlawulela, Ntlawulelo; Yesu Krestu Inkqubo yokuba ngokhululekileyo esonweni, ngonyulu, ngococekileyo, nongcwele ngeNtlawulelo kaYesu Krestu (Moses 6:59–60). UThixo uthe waninyula ukusindiswa ngokungcwalisa koMoya, Ⅱ Tes. 2:13. Singcwaliswe ngomnikelo womzimba kaYesu, Heb. 10:10. UYesu weva iintlungu ukuze abe nokungcwalisa abantu ngelilelakhe igazi, Heb. 13:12. Ababingeleli abakhulu babengcwaliswe neengubo zabo zazihlanjwe zamhlophe ngegazi lwMvana, Alma 13:10–12. Ungcwaliso luza kwabo bayekela iintliziyo zabo kuThixo, Hil. 3:33–35. Guqukani ukuze nibe nokungcwaliswa ngokwamkela uMoya oyiNgcwele, 3 Nif. 27:20. Ungcwaliso ngobabalo lukaYesu Krestu lulungile kwaye luyinyani, I&M 20:31. UYesu weza kungcwalisa ihlabathi, I&M 76:41. Zingcwaliseni iziqu zenu ukuze iingqondo zenu zibe nokungakumbi kuThixo, I&M 88:68.