Uncedo lweZifundo
Herode


Herode

Usapho lwabalawuli kwaYuda kufutshane nexesha likaYesu Krestu. Lwalungabantu ababebalulekile kwiziganeko ezininzi zeTestamente eNtsha. Usapho lwafunyanwa nguHerode oMkhulu, owayenoloyiko lokuzalwa koMsindisi (Mat. 2:3) kwaye wanika umyalelo wokubulawa kweentsana eBhetelehem. Oonyana bakhe bebandakanyiwe uAristobhulo; Herode Filipu (Mat. 14:3; Marko 6:17): Herode Antipas, umphathi wesahlulo sesine selizwe (Mat. 14:1; Luka 9:7; kanjalo esaziwa njengoKumkani uHerode, Marko 6:14); Arkelawo (Mat. 2:22); noFilipu, umphathi wesahlulo sesine selizwe laseYitureyo (Luka 3:1). Herode Agripa I (Izenzo 12:1–23) nodade wabo uHerodiya (Mat. 14:3; Marko 6:17) babengabantwana baka-Aristobhulo. UHerode Agripa I wayenabantwana abaliqela kanjalo abakhankanywe kwiTesamente eNtsha, kubandakanywa noHerode Agripa Ⅱ (Izenzo 25:13), UBhernike (Izenzo 25:13), noDrusila, umfazi kaFelikis (Izenzo 24:24).