Kufa, kwasemoyeni
Ukwahlulwa kuThixo neempembelelo Zakhe; ukufa kwizinto ezinje ngokuphathelele ebulungiseni. ULusifa nesiqingatha sesithathu sezihlwele zasezulwini babulalekela ukufa kwasemoyeni xa babephoselwa ngaphandle kwasezulwini (I&M 29:36–37).
Ukufa kwasemoyeni kwaziswa emhlabeni kuKuwa kuka-Adam (Moses 6:48). Abafayo abaneengcinga ezimbi, amazwi, nemisebenzi bafile ngokwasemoyeni nakuba ngathi basadla ubomi emhlabeni (â… Â Tim. 5:6). Ngentlawulelo kaYesu Krestu nangokuthobela imigaqo nemimiselo yevangeli, amadoda nabafazi banako ukuya becoceka esonweni nasekoyiseni ukufa ngokwasemoyeni.
Ukufa kwasemoyeni kanjalo kwenzeka kulandela ukufa komzimba ofayo. Kunye iziqu ezivukileyo nomtyholi neengelosi zakhe baya kugwetya. Abo bathe bavukela ngokuzithandela ngokuchasene nokukhanya nenyaniso yevangeli baya kufumana ukufa kwasemoyeni. Oku kufa kusoloko kusithiwa kukufa kwesibini (Alma 12:16; Hil. 14:16–19; I&M 76:36–38).