Uncedo lweZifundo
Mtshato, Tshata


Mtshato, Tshata

Umnqophiso osemthethweni okanye isivumelwano phakathi kwendoda nomfazi esibenza indoda nomfazi. UThixo wamisela umtshato (I&M 49:15).

Umnqophiso womtshato omtsha nongunaphakade

Umtshato wenziwa phantsi komthetho wevangeli nobubingeleli obungcwele ungowobomi bomzimba onokufa nangonaphakade. Amadoda afanelekileyo nabafazi njalo batywinelwa etempileni emtshatweni babe nokuqhubeka njengendoda nomfazi ngonaphakade.

Umtshato phakathi kweenkolo ezimbini

Umtshato ophakathi kwendoda nomfazi beenkolo zonqulo olwahlukeneyo nezenzo.

Sithembu

Umtshato wendoda ebafazini ababini okanye abangaphezulu abaphilileyo. Kungumthetho endodeni ukuba nomfazi omnye kuphela, ngaphandle kokuba iNkosi iyalela ngenye indlela ngesityhilelo (Yakobi 2:27–30). Ngesityhilelo, isithembu sasisenziwa ngamaxesha eTestamente eNdala nangemihla yokuqala yeBandla elibuyiselweyo ngolawulo lomprofeti owayephethe izitshixo zobubingeleli (I&M 132:34–40, 45). Asisenziwa eBandleni (BM 1); namhlanje, ukuba nangaphezulu komfazi omnye akungqinelani nobulungu kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.