IziKronike
Iincwadi ezimbini kwiTestamente eNdala. Zinika imbali emfutshane zeziganeko ezivela kwiNdalo ekubhengezeni kuka Koreshi evumela amaYuda abuyele eYerusalem.
IziKronike zokuqala
Izahluko 1–9 zidwelisa imilibo ukususela kuAdam kuye kuSawule. Isahluko 10 sezikronike ukufa kukaSawule. Izahluko 11–22 zilandela iziganeko ezinxulumene nolawulo lukaDavide. Izahluko 23–27 zichaza okokuba uSolomon wenziwa ukumkani nabaLevi babekwa ngocwengco. Isahluko 28 sichaza ukuba uDavide wayalela ukuba uSolomon akhe itempile. Isahluko 29 sibhala ukufa kukaDavide.
IziKronike zesibini
Izahluko 1–9 zilandela iziganeko ezinxulumene nolawulo lukaSolomon. Izahluko 10–12 zibalisa ngolawulo lonyana kaSolomon uRehabheham, gethuba elo ubukumkani obumanyeneyo bakwaSirayeli babohlulelwe nkubukumkani basentla nasezantsi. Izahluko 13–36 zichaza ulawulo lookumkani abohlukeneyo kwada kwaba kukuthinjwa kobukumkani bakwaYuda nguNebhukadenetsare. Incwadi iphela ngommiselo kaKoreshi okokuba abantwana abathinjiweyo bakaYuda banako ukubuyela eYerusalem.