Bunzima Khangela kanjalo Henda, Sihendo; Ntshutshiso, Tshutshisa; Nyamezela; Sohlwayo, Yohlwaya Ngobunzima—izilingo, iinkathazo, neentlupheko—umntu unako ukuba namava angamkhokelela ekukhuleni komoya nokukhula kwanaphakade ngokubuyela eNkosini. UThixo ngokwakhe wakusindisa uphume kubo ubutshaba neenkxwaleko zakho, â… Â Sam. 10:19. Bakhala eNkosini embandezelweni yabo, IiNd. 107:6, 13, 19, 28. Nangona iNkosi ikunika isonka sobandezelweyo, noko abafundisi bakho abayi kususwa, Isaya 30:20–21. Kuyimfuneko ukuba kubekho inkcaso kuzo zonke izinto, 2 Nif. 2:11. Ukuba abazange bafumane ubukrakra abanako ukubazi ubumnandi, I&M 29:39. Ubunzima bakho buya kuba bobomzuzwana nje, I&M 121:7–8. Zonke ezi zinto ziya kukunika amava, kwaye aya kuba ngawoncedo lwakho, I&M 122:5–8. Bangcamla ubukrakra, ukuze babe nokukwazi ukuxabisa ukulunga, Moses 6:55.