Yiputa
Ilizwe elikwikona yomntla-mpumalanga waseAfrika. Ubukhulu beYiputa bungumqwebedu kwaye buyinkangala. Abona baninzi babemi bahlala kwiNtlambo yeNayile, enaba kangangeemayile ezingama-550 (890 eekilomitha).
IYiputa yamandulo yayityebile kwaye inempumelelo. Imisebenzi emikhulu kawonke-wonke yayakhiwe, kubandakanya imijelo yonkcenkceshelo; izixeko ezomeleleyo zokhuseleko; namatye ezikhumbuzo abalaseleyo, ingakumbi amangcwaba aziiphiramidi neetempile, asephakathi kwemimangaliso yehlabathi. Ixesha elithile, uburhulumente baseYiputa babusisilinganisi sohlobo lobubingeleli bukasolusapho (Abr. 1:21–27).