Ziqu ezenziwe kumila kumbi Abantu abatshintshiweyo khona ukuze bangabi nakuva intlungu okanye ukufa kude kube luvuko lwabo ukuya kumzimba ongafiyo. UEnoki wahamba noThixo: waza akabakho; ngokuba uThixo wamthabatha, Gen. 5:24 (Heb. 11:5; I&M 107:48–49). Akukho mntu ulaziyo ingcwaba likaMoses unanamhla, Dut. 34:5–6 (Alma 45:19). UEliya wenyuka ngomoya ovuthuzayo waya emazulwini, Ⅱ OoKum. 2:11. Ukuba ndiya kuthanda ukuba ahlale ndide ndibuye, iyini na loo nto kuwe, Yoh. 21:22–23 (I&M 7:1–3). Akusayi kungcamla kufa, 3 Nif. 28:7. Ukuze babe abayi kungcamla kufa kwabakho utshintsho olwenziwayo kuyo imizimba yabo, 3 Nif. 28:38 (4 Nif. 1:14; Morm. 8:10–11). UYohane oyiNtanda uya kuphila ide iNkosi ibuye, I&M 7. Ndithe ndayithabathele iZiyon kaEnoki esifubeni esisesam, I&M 38:4 (Moses 7:21, 31, 69). UEnoki nabazalwana bakhe basisixeko esigciniweyo kude kube ngumhla wobulungisa, I&M 45:11–12. UEliya wathatyathelwa emazulwini ngaphandle kokungcamla ukufa, I&M 110:13. UMoya oyiNgcwele wawa kwabaninzi, kwaye baxwilelwa eZiyon, Moses 7:27.