Nikela izishumi, Zishumi Khangela kanjalo Mali; Mnikelo Isahluko seshumi sengeniso yonyaka esinikwa iNkosi ngeBandla. Iimali zezishumi zisetyenziselwa ukwakha amabandla neetempile, ukuxhasa umsebenzi wobufundisi, nokwakha ubukumkani bukaThixo emhlabeni. UAbraham wanikela izishumi seento zonke zakhe uMelkitsedeke, Gen. 14:18–20 (Heb. 7:1–2, 9; Alma 13:15). Sonke isishumi seseNkosi: singcwele eNkosini, Lev. 27:30–34. Uze usinikele ngenene isishumi songeniselo lonke, Dut. 14:22, 28. Isishumi sezinto zonke sabazisela okuninzi, Ⅱ IziKr. 31:5. Umntu angamqhatha na uThixo? Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi neminikelo, Mal. 3:8–11 (3 Nif. 24:8–11). Lowo uhlawula isishumi akayi kutsha ekuzeni kwakhe, I&M 64:23 (I&M 85:3). Indlu yeNkosi iya kwakhiwa ngezishumi zabantu bam, I&M 97:11–12. INkosi yatyhila umthetho wezishumi, I&M 119. Izishumi ziya kuchithwa liqumrhu, I&M 120.