Kholwa, Nkolo Khangela kanjalo Kholo; Kungakholwa; Themba; Yesu Krestu Ukuba nokholo kothile okanye ukwamkela into ethile njengeyinene. Umntu umele ukuguquka nokukholwa egameni likaYesu Krestu ukuze asindiselwe ebukumkanini bukaThixo (I&M 20:29). Kholwani eNkosini uThixo wenu; kholwani kubaprofeti bakhe, â…¡Â IziKr. 20:20. UDaniyeli wayengafumana nasinye isenzakalo emhadini weengonyama ngokuba ebekholwa kuThixo, Dan. 6:23. Ngokokholo lwakho, makwenzeke kuwe, Mat. 8:13. Naziphi izinto enithe nazicela ekuthandazeni, nikholwa, nozamkela, Mat. 21:22. Musa ukoyika, kholwa kodwa wena, Marko 5:36. Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo, Marko 9:23–24. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa wosindiswa, Marko 16:16 (2 Nif. 2:9; 3 Nif. 11:33–35). Lowo ukholwayo kuNyana unobomi obungunaphakade, Yoh. 3:16, 18, 36 (Yoh. 5:24; I&M 10:50). Sikholiwe kwaye sazile ukuba wena unguye uKrestu, Yoh. 6:69. Lowo ukholwayo kum, nokuba ebethe wafa, wodla ubomi, Yoh. 11:25–26. Thina sakholwayo siyangena ekuphumleni, Heb. 4:3. Kholwani kuYesu Krestu, nize nithandane omnye nomnye, â… Â Yoh. 3:23. UMesiya akayi kutshabalalisa nomnye okholwayo kuye, 2 Nif. 6:14. AmaYuda aya kutshutshiswa kude kube ayaphenjelelwa ekubeni akholelwe kuKrestu, 2 Nif. 25:16. Ukuba niyakholwa zezi zinto, qaphelani ukuba niyazenza, Moz. 4:10. UNyana uya kuthabathela kuye izigqitho zabo bakholwayo egameni lakhe, Alma 11:40. Usikelelwe lowo ukholwayo elizwini likaThixo ngaphandle kokunyanzelwa, Alma 32:16. Ukuba aningethi nibe ninqwena nje ngakumbi ekukholweni, vumelani lo mqweno usebenze phakathi kwenu, Alma 32:27. Ukuba niyakholwa egameni likaKrestu, niya kuguquka, Hil. 14:13. Abo bakholwayo kuKrestu bakholelwa kanjalo kuBawo, 3 Nif. 11:35. Akazange umntu akholelwe eNkosini njengokuba umntakwabo Yerede wenzayo, Etere 3:15. Nantoni na eqononondisa ukukholelwa kuKrestu ithunyelwe ngamandla kaKrestu, Moro. 7:16–17. Abo bakholelwa emazwini eNkosi baya kunikwa imbonakalo yoMoya, I&M 5:16. Abo bakholelwa egameni leNkosi baya kuba ngoonyana bakaThixo, I&M 11:30 (Yoh. 1:12). Kwabanye kunikwe ukukholelwa emazwini abo, I&M 46:14. Imiqondiso ilandela abo bakholelwayo, I&M 58:64 (I&M 63:7–12). Abo bakholelwayo, baguquke, baze babhaptizwe baya kwamkela uMoya oyiNgcwele, Moses 6:52.