Mahlwempu Khangela kanjalo Amalizo, Kunika amalizo; Inzila, Zila; Mnikelo; Ntlalo-ntle; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Kwizibhalo, amahlwempu anokubhekisa (1) ebantwini abangenazinto eziphathekayo eziyimfuneko, ezinje ngokutya, impahla, nophahla, okanye (2) ebantwini abathobekileyo nabangenakratshi. Ukuba ngamahlwempu kwizinto eziphathekayo Uze ungasivali isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu, Dut. 15:7. Abakhohlakeleyo ngekratshi labo batshutshisa amahlwempu, IiNd. 10:2. Lowo upha amahlwempu akasayi kuswela, ImiZ. 28:27. Zisa amahlwempu endlwini yakho, Isaya 58:6–7. Ukuba unga ungagqibela, yipha amahlwempu, Mat. 19:21 (Marko 10:21; Luka 18:22). UThixo akathanga na wonyula amahlwempu eli hlabathi, Yak. 2:5. Ngenxa yokuba bezizityebi bacekisa amahlwempu, 2 Nif. 9:30. Ekugcineni uxolelo lwezono zenu, nikani izinto zenu amahlwempu, Moz. 4:26. Banikela ngokwenene ngezinto zabo kumahlwempu, Alma 1:27. Ukuba niyabagxotha abasweleyo, umthandazo wenu ulilize, Alma 34:28. AmaNifayithi ayenentozonke ngokufanayo; kwakungekho zityebi namahlwempu, 4 Nif. 1:3. Nize nikhumbule amahlwempu, I&M 42:30 (I&M 52:40). Yeha kuwo amahlwempu aneentliziyo ezingaphukanga, I&M 56:17–18. Amahlwempu aya kuza emsithweni weMvana, I&M 58:6–11. Ubhishophu umele ukufana amahlwempu, I&M 84:112. Umthetho wevangeli ulawula ukukhathalelwa kwamahlwempu, I&M 104:17–18. Kwakungekho mahlwempu phakathi kwabo, Moses 7:18. Mahlwempu ngomoya Basikelelwe ngakumbi abo bazithobayo ngaphandle kokunyanzelwa ngenxa yobuhlwempu, Alma 32:4–6, 12–16. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya abo beza kum, 3 Nif. 12:3 (Mat. 5:3). Abangamahlwempu nabalulamileyo baya kuba nevangeli ishunyayelwe kubo, I&M 35:15.