Gcoba Khangela kanjalo Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Imeko yovuyo olukhulu evela ekuphileni ngobulungisa. Injongo yobomi obunokufa yeyokuba bonke abantu babe nokugcoba (2 Nif. 2:22–25). Ukugcoba okuzeleyo kuza kuphela ngoYesu Krestu (Yoh. 15:11; I&M 93:33–34; 101:36). Kanjalo abanobulali baya kwandisa ukugcoba kwabo eNkosini, Isaya 29:19 (2 Nif. 27:30). Ndinika iindaba ezilungileyo zokugcoba okukhulu, Luka 2:10. Ukugcoba kwenu akukho namntu onokukuhlutha kuni, Yoh. 16:22. Isiqhamo soMoya luthando, ukugcoba, uxolo, Gal. 5:22. Isiqhamo sawo sawuzalisa umphefumlo wam ngokugcoba okukhulu okugqithisileyo, 1 Nif. 8:12. Abantu bakho ukuze babe nokufumana ukugcoba, 2 Nif. 2:25. Ukugcoba kwamalungisa kuya kuzala ngonaphakade, 2 Nif. 9:18. Banokuhlala kunye noThixo kwimo yovuyo olungasokuze luphele, Moz. 2:41. Ndiya kunikela ngazo zonke izinto endinazo ukuze ndibe nokufumana oku kugcoba kukhulu, Alma 22:15. Mhlawumbi ndingaba nokuba sisixhobo sikaThixo ekuziseni umphefumlo othile enguqukweni, kwaye oku kukugcoba kwam, Alma 29:9. Okunjani kona ukugcoba, nokunjani ukukhanya okumangalisayo endakubonayo, Alma 36:20. UMoya wam uya kuzalisa umphefumlo wakho ngokugcoba, I&M 11:13. Kuya kuba kukhulu kangakanani na ukugcoba kwakho kunye naye ebukumkanini bukaBawo, I&M 18:15–16. Kweli hlabathi ukugcoba kwakho akuzelanga, kodwa kum ukugcoba kwakho kuzele, I&M 101:36. Kobu bomi ndiya kuba nokugcoba, Moses 5:10–11.