Mlilo Khangela kanjalo Bhaptiza, Bhaptizo; Mhlaba—Ukucocwa komhlaba; Moya oyiNgcwele; Sihogo Umqondiso wokucoca, ukuhlambulula, okanye ukungcwalisa. Umlilo kanjalo unako ukusebenza njengomqondiso wobuso bukaThixo. UThixo wakho ungumlilo odlayo, Dut. 4:24. INkosi yenza abalungiseleli bayo umlilo olenyayo, IiNd. 104:4. INkosi yemikhosi iya kubavelela ngedangatye lomlilo otshisayo, Isaya 29:6 (2 Nif. 27:2). INkosi iya kuza ngomlilo, Isaya 66:15. Unjengomlilo womnyibilikisi, Mal. 3:2 (3 Nif. 24:2; I&M 128:24). Uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele, nangomlilo, Mat. 3:11 (Luka 3:16). Amalungisa aya kulondolozwa ngomlilo, 1 Nif. 22:17. Abakhohlakeleyo baya kutshatyalaliswa ngomlilo, 2 Nif. 30:10. INifayi wachaza ukuba silufumana njani ubhaptizo lomlilo neloMoya oyiNgcwele, 2 Nif. 31:13–14 (3 Nif. 9:20; 12:1; 19:13; Etere 12:14; I&M 33:11). Uze ungabhengezi uxolelo lwezono ngobhaptizo, nangomlilo, I&M 19:31. Ibandla elikhulu nelimasikizi liya kuphoselwa phantsi ngomlilo otshisayo, I&M 29:21. Umhlaba uya kudlula njalo ngomlilo, I&M 43:32. Ubuso beNkosi buya kuba njengomlilo onyibilikayo, I&M 133:41. UAdam wabhaptizwa ngomlilo nangoMoya oyiNgcwele, Moses 6:66.