Ntliziyo Khangela kanjalo Kuzalwa kwakhona, Kuzalwa nguThixo; Ntliziyo eyaphukileyo Umqondiso wengqondo nentando yomntu nomthombo ongumzekelo wazo zonke izimvo neemvakalelo. Thanda iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, Dut. 6:5 (Dut. 6:3–7; Mat. 22:37; Luka 10:27; I&M 59:5). INkosi yafuna indoda engantliziyo yakhe, â… Â Sam. 13:14. Umntu ukhangela imbonakalo yomphandle, kodwa iNkosi ikhangela intliziyo, â… Â Sam. 16:7. Lowo unezandla ezimsulwa nentliziyo enyulu uya kunyuka aye entabeni yeNkosi aze asikelelwe, IiNd. 24:3–5 (2 Nif. 25:16). Njengendoda icinga entliziyweni yayo, unjalo yena, ImiZ. 23:7. UEliya uya kubuyisela iintliziyo zooyise ebantwaneni, neentliziyo zabantwana kooyise, Mal. 4:5–6 (Luka 1:17; I&M 2:2; 110:14–15; 138:47; M—JS 1:38–39). Banoyolo abamsulwa ngeentliziyo, Mat. 5:8 (3 Nif. 12:8). Umntu uthetha okuvela kokulungileyo okanye okubi entliziyweni yakhe, Luka 6:45. Landelani uNyana ngenjongo epheleleyo yentliziyo, 2 Nif. 31:13. Ingaba nizelwe ngokomoya kaThixo naze nayifumana inguqu emandlakazi entliziyweni yenu, Alma 5:14. Nikelani idini kuyo iNkosi intliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, 3 Nif. 9:20 (3 Nif. 12:19; Etere 4:15; Moro. 6:2). Ndiya kukuxelela engqondweni yakho nasentliziyweni yakho ngoMoya oyiNgcwele, I&M 8:2.