Lwalwa/Liwa Khangela kanjalo Sityhilelo; Vangeli; Yesu Krestu Ngokuzekelisayo, uYesu Krestu nevangeli Yakhe, basisiseko esomeleleyo nenkxaso (I&M 11:24; 33:12–13). Ulwalwa kanjalo lunako ukubhekisa kwisityhilelo, uThixo enza ngalo ivangeli Yakhe yazeke emntwini (Mat. 16:15–18). Uliliwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, Dut. 32:4. INkosi liliwa lam; kuyo ndiya kuthembela, â…¡Â Sam. 22:2–3. Ilitye elalisikwe kungengazandla, Dan. 2:34–35. Yayakhelwe elulwalweni, Mat. 7:25 (3 Nif. 14:25). UYesu Krestu lilitye elenziwe into engento, Izenzo 4:10–11. Iliwa elo lalinguye uKrestu, â… Â Kor. 10:1–4 (Eks. 17:6). Lowo wakhelwe phezu kolwalwa wamkela inyaniso, 2 Nif. 28:28. AmaYuda aya kulala ilitye [uKrestu] anokuthi akhele phezu kwalo, Yakobi 4:15–17. Kuphezu kolwalwa loMkhululi wethu apho emasakhele isiseko sethu, Hil. 5:12. Nabani na owakhela kwiimfundiso zikaKrestu wakhela phezu kolwalwa lakhe kwaye akayi kuwa xa izikhukula zifika, 3 Nif. 11:39–40 (Mat. 7:24–27; 3 Nif. 18:12–13). Indoda esisilumko yakhela indlu yayo phezu kolwalwa, 3 Nif. 14:24. Ukuba nakhelwe phezu kolwalwa lwam, umhlaba nesihogo azinako ukoyisa, I&M 6:34. Lowo wakhele phezu kolwalwa akasayi kuwa, I&M 50:44. NdinguMesiya, uKumkani waseZiyon, uLwalwa lwamaZulu, Moses 7:53.