Uncedo lweZifundo
Bhahali


Bhahali

Isithixo-selanga esiyindoda esasinqulwa ngokuphambili eFoneshiya (Ⅰ OoKum. 16:31) kodwa kanjalo sasinqulwa ngeendlela ezahlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo: ngamaMowabhi njengoBhahali-pehore (Num. 25:1–3), uShekem njengoBhahali-bheriti (AbaG. 8:33; 9:4), e-Ekron njengoBhahali-zebhubhi (Ⅱ OoKum. 1:2). UBhahali unokuba yinto enye njengoBhele waseBhabhilon noZeyusi welamaGrike. Igama uBhahali licacisa unxulumano phakathi kwenkosi nesicaka sayo. Umqondiso oqhelekileyo kaBhahali wawuyinkunzi yenkomo. UAshtoreti wayesisithixokazi esasinqulwa jikelele sihamba kunye noBhahali.

UBhahali ngamanye amaxesha wayedityaniswa nokunye ukubizwa okanye igama ukubonisa unxibelelwano noBhahali, njengendawo leyo wayenqulelwa kuyo okanye umntu oneempawu ezifana nezo zikaBhahali. Kamva, ngenxa yokuba uBhahali waba nokuba neentsingiselo ezimbi, igama Bhosheti lithatha indawo yalo kuloo magama adityanisiweyo. UBhosheti uthetha “ihlazo”.