Kuzikhethela Khangela kanjalo Khulula, Khululiweyo, Nkululeko; Kuziphendulela, Phendula, Yaziphendulela Ukuba nako nelungelo elilodwa uThixo alinika abantu bazikhethele baze bazenzele ngokwabo. Kuyo yonke imithi ningadla ngokukhululekileyo, Gen. 2:16. Zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza, Yosh. 24:15 (Alma 30:8; Moses 6:33). Uluntu belingenako ukuzenzela ngaphandle kokuba lube lulukuhliwe, 2 Nif. 2:15–16. Abantu bakhululekile ukukhetha ilungelo nobomi obungunaphakade okanye ukuthinjwa nokufa, 2 Nif. 2:27. Nikhululekile; nivunyelwe ukuba nizenzele, Hil. 14:30. Isiqingatha sesithathu sezihlwele zezulu zajikela kude kum ngenxa yegunya laso lokuzikhethela, I&M 29:36. Kwaye kuyimfuneko okokuba umtyholi ahende abantu, okanye abanako ukuba ziiarhente, I&M 29:39. Yekani wonke umntu azikhethele, I&M 37:4. Wonke umntu unokwenza ngokozikhethela okulungileyo endimnike kona, I&M 101:78. USathana wafuna ukulitshabalalisa igunya lokuzikhethela lomntu, Moses 4:3. INkosi yanika abantu igunya lokuzikhethela lakhe, Moses 7:32.