Mbeko Khangela kanjalo Bekekileyo; Nzolo Njengoko lisoloko lisetyenziswa kwizibhalo, ukubonisa imbeko nenzolo kothile okanye into ethile. Beka uyihlo nonyoko, Eks. 20:12 (1 Nif. 17:55; Moz. 13:20). Beka iNkosi ngezinto zakho, ImiZ. 3:9. Ukuba nawuphi na umntu ukhonza mna, yena uya kubekwa nguBawo, Yoh. 12:26. Amadoda amele ukunika imbeko ebafazini bawo, â… Â Petr. 3:7. Babeke iNkosi ngemilebe yabo kuphela, 2 Nif. 27:25 (Isaya 29:13). Andizami kufuna imbeko yehlabathi, Alma 60:36. Umtyholi wavukela ngokuchasane nam, esithi, Nika mna imbeko yakho, engamandla am, I&M 29:36. Abathembekileyo baya kuthweswa ngembeko, I&M 75:5 (I&M 124:55). INkosi ivuyiswa kukubeka abo bayikhonzayo, I&M 76:5. Abanyulwanga ngenxa yokuba balangazelela iimbeko zabantu, I&M 121:34–35. Sikholelwa ekubekeni nasekuxhaseni umthetho, V zoK 1:12 (I&M 134:6).