Khohlisa, Nkohliso Khangela kanjalo Xoka Njengoko lisetyenziswe kwizibhalo, igama nkohliso lineentsingiselo ezimbini: (1) ukukhohlisa kukwenza othile akholelwe entweni engasiyiyo inyani, (2) bubuqhinga obunenkohliso. Ukukhohlisa kukwenza othile akholelwe entweni engasiyiyo inyani Lowo ungafungiyo ngenkohliso uya kunyukela entabeni yeNkosi, IiNd. 24:3–4. Ndikhulule kwabakhohlisayo, IiNd. 43:1. Yeha kwabo bathi okubi kulungile, nokulungileyo kubi, Isaya 5:20 (2 Nif. 15:20). Makungabikho mntu uzikhohlisayo, â… Â Kor. 3:18. Makungabikho mntu unilukuhlayo ngamazwi alambathayo, Efese 5:6. Abantu abangendawo baya kukhohlisa baze bakhohliswe, â…¡Â Tim. 3:13. USathana, lowo wakhohlisa ihlabathi liphela, waphoselwa ngaphandle, Isityh. 12:9. USathana wakhonkxwa ukuze angazilahlekisi izizwe kwakhona, Isityh. 20:1–3. INkosi ayinako ukukhohliswa, 2 Nif. 9:41. Ukuba nilandela uNyana, ningenzi nkohliso phambi koThixo, niya kwamkela uMoya oyiNgcwele, 2 Nif. 31:13. USheremi wavuma ukuba waye elahlekiswe ngamandla omtyholi, Yakobi 7:18. Abantu bakaKumkani uNowa babekhohliswe ngamazwi anyhwalazayo, Moz. 11:7. Abalumkileyo bathathe uMoya oyiNgcwele njengesikhokelo, kwaye abathanga bakhohliswa, I&M 45:57. Yeha kwabo bangabakhohlisi, I&M 50:6. Waba nguSathana, uyise wabo bonke ubuxoki, ekukhohliseni nasekumfamekiseni abantu, Moses 4:4. Bubuqhinga obunenkohliso Unoyolo umntu ekungekho nkohliso emoyeni wakhe, IiNd. 32:2 (IiNd. 34:13; â… Â Petr. 2:1). UNataniyeli wayengumSirayeli kuye ekwakungekho nkohliso, Yoh. 1:47 (I&M 41:9–11). Ulwazi olumsulwa lwandisa umphefumlo ngaphandle kwenkohliso, I&M 121:42.