Khubekisa Ukwaphula umthetho onyulu, ukona, okanye ukubangela ukungonwabi okanye ukwenzakala; kanjalo ukungakholisi okanye ukucaphukisa. Umzalwana okhathaziweyo ulukhuni ngaphezu kwesixeko esomeleleyo ukumzuza, ImiZ. 18:19. Ukuba iliso lakho lasekunene liya kukhubekisa, linyothule ulilahle, Mat. 5:29. Nabani na oya kukhubekisa omnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba antywiliselwe elwandle, Mat. 18:6 (I&M 121:19–22). Ukuba umzalwanwa wakho okanye udade uyakukhubekisa aze avume, niya kuxolelana, I&M 42:88. Akukho nto umntu athi akhubekise uThixo ngayo, ngaphandle kwabo bangasivumiyo isandla sakhe baze bangayithobeli imiyalelo yakhe, I&M 59:21.