Ekuqalekeni Khangela kanjalo Bomi bangaphambili; Dala, Ndalo; Yesu Krestu Kubhekisa jikelele kwixesha eliphambili kobu bomi bufayo—oko kukuthi, ubomi bangaphambili. Ngamanye amaxesha uYesu Krestu kubhekiswa kuye njengowaseKuqalekeni. Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi, Gen. 1:1 (Moses 2:1). Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, Yoh. 1:1. NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, 3 Nif. 9:18. UKrestu sisiqalo nesiphelo, I&M 19:1. Umnqophiso omtsha nowanaphakade wawukho ukususela ekuqalekeni, I&M 22:1. Umntu wayekho ekuqalekeni kunye noThixo, I&M 93:23, 29. Oomoya ababekekileyo nabakhulu ababekhethwe ekuqalekeni ukuba babengabalawuli, I&M 138:55. Owam oKuphela koZelweyo wayekho kunye nam ukususela ekuqalekeni, Moses 2:26.