Kugwetywa Khangela kanjalo Gweba, Mgwebo; Mgwebo, wokuGqibela Ukugweba okanye ukugwetywa ubenetyala nguThixo. UThixo uya kuyigweba indoda enamaqhinga akhohlakeleyo, ImiZ. 12:2. Siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa ndawonye nehlabathi, â… Â Kor. 11:32. Amazwi ethu, imisebenzi, neengcinga ziya kusigweba, Alma 12:14. Ngokuzazi izinto baze bangazenzi, abantu beza phantsi kokugwetywa, Hil. 14:19. Ukuba singapheza ukusebenza, singasiwa phantsi kokugwetywa, Moro. 9:6. Lowo ungamxoleliyo umzalwana wakhe umi egwetyiwe phambi kweNkosi, I&M 64:9. Lowo wona ngokuchasene nokhanyiselo olukhulu ngakumbi uya kuzuza ukugwetywa okukhulu ngakumbi, I&M 82:3. Lonke iBandla liphantsi kokugwetywa lide liguquke kwaye likhumbule iNcwadi kaMormoni, I&M 84:54–57.