Mfihlelo zikaThixo Iimfihlelo zikaThixo ziinyaniso ngokwasemoyeni ezaziwa kuphela ngesityhilelo. UThixo utyhila iimfihlelo Zakhe kwabo bathobekileyo evangelini. Ezinye zeemfihlelo zikaThixo zisaya kube zityhilwe. Kunikiwe kuni ukwazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, Mat. 13:11. Nangona ndiqonda zonke iimfihlelo ndize ndingabi nalo uthando lwenene, andinto yanto, â… Â Kor. 13:2. UNifayi wayenolwazi olukhulu lweemfihlelo zikaThixo, 1 Nif. 1:1. Kunikiwe kwabaninzi ukwazi iimfihlelo zikaThixo, Alma 12:9. Kwabo banjalo kunikiwe ukwazi iimfihlelo zikaThixo, Alma 26:22. Ezi mfihlelo azikathi zenziwe zazeka ngokuzeleyo kum, Alma 37:11. Kukho iimfihlelo ezininzi ezingaziwa mntu ngaphandle koThixo ngokwakhe, Alma 40:3. Hayi ukuba zinkulu kwazo kangakanani na imfihlelo yobuthixo, I&M 19:10. Ukuba niyacela, niya kufumana isityhilelo nokwazi iimfihlelo zobukumkani, I&M 42:61, 65 (â… Â Kor. 2:7, 11–14). Lowo ugcina imiyalelo uya kunikwa iimfihlelo zobukumkani, I&M 63:23. Kubo ndiya kutyhila zonke iimfihlelo, I&M 76:7. Ububingeleli obukhulu ngakumbi buphethe izitshixo zeemfihlelo, I&M 84:19. Ekuzeni kwayo iNkosi iya kutyhila izinto ezifihliweyo ekungekho mntu wayezazi, I&M 101:32–33. UBubingeleli bukaMelkitsedeke kukuba nelungelo elilodwa lokufumana iimfihlelo zobukumkani, I&M 107:19.