Dala, Ndalo Khangela kanjalo Ekuqalekeni; Mhlaba; Ndalo yomoya; Umhla weSabatha; Yesu Krestu Ukulungiselela. UThixo, esebenza ngoNyana Wakhe, uYesus Krestu, walungiselela izinto ezisendalweni ekubumbeni amazulu nomhlaba. UBawo oseZulwini noYesu badala umntu ngokomfanekiselo Wabo (Moses 2:26–27). Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nomhlaba, Gen. 1:1. Masenze umntu ngomfanekiselo wethu, Gen. 1:26 (Moses 2:26–27; Abr. 4:26). Zonke izinto zenziwa nguye, Yoh. 1:3, 10. Ngaye zadalwa zonke izinto lowo usemazulwini, Kol. 1:16 (Moz. 3:8; Hil. 14:12). UThixo wenza amazwe ngoNyana wakhe, Heb. 1:2. Umntu wayedaliwe ekuqalekeni, Moz. 7:27. Ndadala amazulu nomhlaba nezinto zonke, 3 Nif. 9:15 (Morm. 9:11, 17). Bonke abantu babedalwe ekuqalekeni ngokomfanekiselo wam, Etere 3:15. UYesu Krestu wadala amazulu nomhlaba, I&M 14:9. Wadala umntu, indoda nomfazi, ngokomfanekiselo wakhe, I&M 20:18. Amazwe angenakubalwa ndiwadalile, Moses 1:33. Ngowam eKuphela koZelweyo ndadala amazulu, Moses 2:1. Mna, iNkosi uThixo, ndadala zonke izinto ngokwasemoyeni phambi kokuba zibe sendalweni phezu kobuso bomhlaba, Moses 3:5. Izigidi zemihlaba ezinjengalo eyayingenakuze ibe kukuqaleka kwinani lendalo yakhe, Moses 7:30. OoThixo balungiselela baza babumba amazulu, Abr. 4:1.