Mali Khangela kanjalo Amalizo, Kunika amalizo; Butyebi; Nikela izishumi, Zishumi; Thanda izinto zehlabathi Iinkozo zemali, iphepha, isatifiketi, okanye into ethile abantu abayisebenzisayo njengetlawulelo yezinto okanye iinkonzo. Ngamanye amaxesha ngumqondiso wezinto eziphathekayo. Niya kukhululwa ngaphandle kwemali, Isaya 52:3. AbaLishumi elineSibini baselelwa ukuba bangathathi nto yohambo lwabo, nangxowa, nasonka, namali, Marko 6:8. UPetros waxelela uSimon umnyangi okokuba imali yakhe yayiya kutshabalala naye, Izenzo 8:20. Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi, â… Â Tim. 6:10. Musani ukuchithela imali kuloo nto ingenaxabiso, 2 Nif. 9:50–51 (Isaya 55:1–2; 2 Nif. 26:25–27). Ukuba basebenzela imali, baya kutshabalala, 2 Nif. 26:31. Phambi kokuba nifune ubutyebi, funani ubukumkani bukaThixo, Yakobi 2:18–19. Amabandla aya kuthi ngemali yakho uya kuxolelwa izono zakho, Morm. 8:32, 37. Lowo unikela ngemali yakhe ngenxa yesizathu seZiyon akayi kulahlekelwa ngumvuzo wakhe nangayiphina indlela, I&M 84:89–90.