Vuna Izibhalo ngamanye amaxesha zisebenzisa igama vuna ngokuzekelisayo ekubhekiseni ekuziseni abantu kulo iBandla, elibubukumkani bukaThixo emhlabeni, okanye kwixesha lomgwebo, elinjengokuBuya kweSibini kukaYesu Krestu. Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, kwaye asikasindiswa, Yer. 8:20 (I&M 56:16). Ukuvuna kuninzi, kodwa abasebenzi bambalwa, Mat. 9:37. Ukuvuna kukupheliswa kwehlabathi, Mat. 13:39. Nantoni na umntu ayihlwayelayo, uya kuvuna yona kanjalo, Gal. 6:7–9 (I&M 6:33). Intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa, I&M 4:4. Ukuvuna kuphelile kwaye imiphefumlo yenu ayisindiswanga, I&M 45:2. Ixesha lokuvuna lifikile, kwaye ilizwi lam limele ukuzalisekiswa, I&M 101:64.