Uncedo lweZifundo
Tempile, Indlu yeNkosi


Tempile, Indlu yeNkosi

Yindlu yeNkosi ngokwenene. INkosi ithe yayalela abantu Bayo rhoqo bakhe iitempile, izakhiwo ezingcwele apho abaNgcwele abafanelekileyo benzela imimiselo engcwele nemimiselo yevangeli iziqu zabo nabafileyo. INkosi ityelela itempile Zayo, kwaye zizezona zingcwele ngokugqithisileyo zeendawo zonke zokunqula.

Umnquba owamiswa nguMoses nabantwana bakaSirayeli wawuyitempile ephathwayo. AmaSirayeli awusebenzisa ngethuba lemfuduko yawo ukuphuma eYiputa.

Eyona tempile yaziwa kakuhle ekhankanyiweyo kwiTestamente eNdala yileyo yakhiwa nguSolomon eYerusalem (Ⅱ IziKr. 2–5). Yatshatyalaliswa ngowa-587 P.K. ngabemi baseBhabhilon kwaye ke yabuyiselwa nguZerubhabheli phantse iminyaka engama-70 emva koko (Ezra 1–6). Inxenye yale tempile yatshiswa ngowa-37 P.K., noHerode oMkhulu kamva wayakha kwakhona. AmaRoma atshabalalisa itempile ngowa-70 E.K.

KwiNcwadi kaMormoni, abalandeli bakaThixo abalungileyo babekhokelwe ukwakha nokunqula kwiitempile (2 Nif. 5:16; Moz. 1:18; 3 Nif. 11:1). Ukwakha nokusebenzisa itempile ngokufanelekileyo yimiqondiso yeBandla eliyinene kulo nakuliphina ixesha lokuzihlanganisela, kubandakanywa neBandla elibuyiselweyo kwimihla yethu. ITempile iKirtland yaba yitempile yokuqala ukwakhiwa nokungcwaliselwa eNkosini kweli xesha lokuzihlanganisela. Ukususela kwela xesha iitempile zithe zangcwaliswa emazweni amaninzi emhlabeni wonke.

Shicilela