Mpembelelo, Phembelela Khangela kanjalo Moya oyiNgcwele; Sityhilelo Isikhokelelo esinyulu esinikwe umntu nguThixo. Impembelelo eza rhoqo ngoMoya ngeendlela ezahlukahlukeneyo engqondweni okanye entliziyweni yomntu. Emva komlilo kweza izwi elincinane elizolileyo, â… Â OoKum. 19:12. UMoya oyiNgcwele uya kunifundisa zonke izinto aze azise zonke izinto kwinkumbulo yenu, Yoh. 14:26. UMoya wenyaniso uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso, Yoh. 16:13. Ndakhokelwa nguMoya, ndingazazanga kwangaphambili izinto endimelwe kukuzenza, 1 Nif. 4:6. Ilizwi leNkosi leza engqondweni yam, Enoshe 1:10. Yonke into ememela ize ilukuhlele ukwenza okulungileyo iphenjelelwa nguThixo, Moro. 7:13–16. Andizange na ndithethe uxolo engqondweni yakho, I&M 6:23. Ndiya kukuxelela engqondweni nasentliziyweni yakho, I&M 8:2. UMoya wam uya kukukhanyisela engqondweni yakho, oya kuzalisa umphefumlo wakho ngovuyo, I&M 11:13. Kuya kunikwa oko wena uya kuthetha okanye ukubhale, I&M 24:6 (I&M 84:85). Ilizwi elizolileyo elincinane lisebeza lize ligqobhoze zonke izinto, I&M 85:6.