Ndlebe Khangela kanjalo Phulaphula Kwizibhalo, indlebe isoloko isetyenziswa njengomqondiso wokukwazi komntu ukuphulaphula nokuqonda izinto zikaThixo. Zineendlebe nje, kodwa aziva, IiNd. 115:6. INkosi indivusula indlebe yam ukuba ndive, Isaya 50:4–5 (2 Nif. 7:4–5). Lowo uneendlebe zokuva, makeve, Mat. 11:15. Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Mat. 13:15 (Moses 6:27). Izinto ezinga bonwanga liso nezingaviwanga ndlebe zizo uThixo awazilungiselela abo bamthandayo, â… Â Kor. 2:9 (I&M 76:10). Umtyholi uyasebeza ezindlebeni zabo, 2 Nif. 28:22. Vulani iindlebe zenu ukuze nibe nokuva, Moz. 2:9 (3 Nif. 11:5). Ndabizwa amaxesha amaninzi, ndaza andasabela, Alma 10:6. Nika indlebe amazwi am, Alma 36:1 (Alma 38:1; I&M 58:1). Akukho nandlebe ingayi kuva, I&M 1:2. Iindlebe zivuleke ngokuthobeka nangomthandazo, I&M 136:32.