Uncedo lweZifundo
Samari


Samari

KwiTestamente eNdala, sisixeko esilikomkhulu lobukumkani obungasentla bakwaSirayeli (Ⅰ OoKum. 16:23–24). Ngenxa yezinga elomeleyo lomkhosi endulini, ama-Asiriya akazange abenako ukusithimba kwade kwaba semva kokungqingwa iminyaka emithathu (Ⅱ OoKum. 17:5–6). UHerode wasakha kwakhona waza wasibiza iSebhaste. Ngamaxesha eTestamente eNtsha, iSamari yayiligama lengingqi ephakathi yasePalestina iphelele entshonalanga yaseYordan.