Uncedo lweZifundo
Thambisa


Thambisa

Ngamaxesha amandulo, abaprofeti beNkosi bathambisa ngeoli abo babeza kwenza imisebenzi ekhethekileyo, abanjengoAron okanye ababingeleli okanye ookumkani ababeya kulawula phezu koSirayeli. Namhlanje eBandleni, ukuthambisa kukubeka umyinge omncinane weoli engcwalisiweyo entlokweni yomntu njengenxenye yentsikelelo ekhethekileyo. Oku kunako ukwenziwa kuphela phantsi kwegunya namandla oBubingeleli bukaMelkitsedeke. Emva kothanjiso, umntu osenbenza ngegunya lobo bubingeleli bufanayo unokutywina uthanjiso aze anike intsikelelo ekhethekileyo kulowo uthanjiswayo.

Shicilela