Sohlwayo, Yohlwaya Khangela kanjalo Bunzima Ukulungiswa okanye uqeqesho olunikwa ababodwa okanye amaqela ngohlobo lokubanceda baphucuke okanye babe nokomelela ngakumbi. Musa ke ukuthiya isandla esohlwayayo sikaSomandla, Yobhi 5:17 (ImiZ. 3:11). Usikelelelekile umntu omohlwayayo, Owu Nkosi, IiNd. 94:12. Zonke izibhalo zinikelwe ukukhalimela, ukuze kulungiswe, Ⅱ Tim. 3:16. INkosi yohlwaya abo ibathandayo, Heb. 12:5–11. INkosi ibona kulungile ibakhalimele abantu bayo, Moz. 23:21–22. Ngaphandle kokuba iNkosi ibakhalimele abantu, abasayi kumkhumbula, Hil. 12:3. INkosi yathi yathetha nomntakwabo Yerede, yaza yamkhalimela, Etere 2:14. Zohlwaywa ukuze zibe nokuguquka, I&M 1:27. Endibathandayo ndiyabohlwaya ukuze izono zabo zibe nokuxolelwa, I&M 95:1. Bonke abangayi kunyamezela ukohlwaywa abanako ukungcwaliswa, I&M 101:2–5. Abantu bam kuyimfuneko enyanzelekileyo ukuba bohlwaywe bade bafunde intobeko, I&M 105:6. Lowo ungayi kunyamezela ukohlwaywa akabufanelanga ubukumkani bam, I&M 136:31.