Uncedo lweZifundo
Zigcina-zifuba


Zigcina-zifuba

Izibhalo zikhankanya iintloko ezimbini zezigcina-sifuba: (1) Indawo yangaphambili yempahla ekhuselayo yejoni okanye isikrweqe ekhuselayo. Ngengqiqo yomqondiso, abaNgcwele bamele ukunxiba isigcina-sifuba sobulungisa ukuzikhusela ebubini (Isaya 59:17; Efese 6:14). (2) Into eyodwa enxitywa ngumbingeleli omkhulu yomthetho kaMoses (Eks. 28:13–30; 39:8–21). Yayenziwe ngelinen yaye inamatye alishumi elinesibini anqabileyo. Ngamanye amaxesha kubhekiswa kuyo ngokudibene neYurim neTumim (I&M 17:1; M—JS 1:35, 42, 52).