Phumla Khangela kanjalo Umhla weSabatha; Xolo Ulonwabo loxolo nenkululeko ekukhathazekeni nakwisiphithiphithi. INkosi ithe yathembisa uphumlo olunjalo kubalandeli Bayo abathembekileyo ngethuba lobu bomi. Kanjalo ithe yabathembisa indawo yabo yokuphumla kubomi obuzayo. Ubuso bam buya kuhamba nawe, kwaye ndiya kunika ukuphumla, Eks. 33:14. Yizani kum, nonke nina nibulalekayo, ndaye ndiya kuninika ukuphumla, Mat. 11:28–29. Sasebenza ukuze babe nokungena ekuphumleni kwakhe, Yakobi 1:7 (Heb. 4:1–11). Nabanina oguqukayo uya kungena ekuphumleni kwam, Alma 12:34. Babebaninzi kakhulu ngokugqithisileyo, ababenziwe nyulu, baza bangena ekuphumleni kweNkosi, Alma 13:12–16. Iparadesi yimo yokuphumla, Alma 40:12 (Alma 60:13). Akukho nto ingena ekuphumleni kwayo ngaphandle kokuba ibe ngabo bahlambe iingubo zabo egazini labo, 3 Nif. 27:19. Bhengeza inguquko kwaba bantu, ukuze ube nokuphumla nabo ebukumkanini bukaBawo, I&M 15:6 (I&M 16:6). Abo bafayo baya kuphumla emisebenzini yabo yonke, I&M 59:2 (Isityh. 14:13). Ukuphumla kweNkosi kukuzaliseka kobuqaqawuli bayo, I&M 84:24.