Uncedo lweZifundo
Galati, Incwadi eya Kuma


Galati, Incwadi eya Kuma

Incwadi ekwiTestamente eNtsha. YayiyiNcwadi kwasekuqaleni eyayibhalwe nguMpostile uPawulos isiya kwabaNgcwele ebabehlala kulo lonke elaseGalati. Umxholo wale ncwadi ungowokuba inkululeko yenyani inako ukufunywana kuphela ngokuphila ivangeli kaYesu Krestu. Ukuba abaNgcwele bamkela iimfundiso zobuKrestu bobuYuda ezithe gqolo ukuqaphela umthetho kaMoses, baya kuzilinganisela okanye batshabalalise inkululeko abathi bayifumana kuKrestu. Encwadini uPawulos umisa indawo eyiyeyakhe njengoMpostile, wachaza imfundiso yobulungisa ngokholo, waza wangqina ixabiso lenkolo ngokwasemoyeni.

Kwizahluko 1 nesesi 2, uPawulos wabonisa usizi kwiindaba awathi wazifumana zokreqo phakathi kwamaGalati waza wacacisa ubume bakhe phakathi kwaBapostile. Izahluko 3 nesesi 4 zixoxa ngeemfundiso zokholo nemisebenzi. Izahluko 5 nesesi 6 ziqulathe intshumayelo kwiziphumo eziluncedo zokholo.