Mbulo Khangela kanjalo Bumvelo, Wemvelo; Bunyulu; Krexezo Ukulalana okungekho mthethweni phakathi kwabantu ababini abangatshatananga. Kwizibhalo kanjalo ngamanye amaxesha usetyenziswa njengomqondiso wokreqo. Zikhwebuleni embulweni, Izenzo 15:20. Umzimba asinguwo owombulo, kodwa ke ngoweNkosi, â… Â Kor. 6:13–18. Ukuphepha umbulo, vumelani yonke indoda ibe nomfazi ongowayo, â… Â Kor. 7:2–3. Le yintando kaThixo, ukuba nikhumke embulweni, â… Â Tes. 4:3. UYakobi walumkisa abantu baka Nifayi ngokuchasene nombulo, Yakobi 3:12. Niyavuthelwa, intshabalalo, ngenxa yokubulala kwenu nombulo, Hil. 8:26. Ababuli mabaguquke ukuze bazimanye neBandla, I&M 42:74–78.