Mfuziselo Umzekelo umntu anako ukuwulandela ekuzuzeni iziphumo ezithile. Kwizibhalo, umfuziselo soloko uthetha umzekelo nokuba ngowokuphila indlela ethile okanye ukwakha into ethile. INkosi yayalela uSirayeli akhe umnquba ngokomfuziselo owaboniswa kuMoses, Eks. 25. UDavide wanika uSolomon umfuziselo wesakhiwo setempile, â… Â IziKr. 28:11–13. Kum uYesu Krestu unokubonakalisa umzekelo kubo abaya kukholwa kuye, â… Â Tim. 1:16. Ndiya kunika umfuziselo kwinto zonke, ukuze ningabi nakukhohliswa, I&M 52:14.