Testamente eNtsha
Ingqokelela yemibhalo (ekuqaleni ingesiGrike) ephenjelelweyo ngobomi nobufundisi bukaYesu Krestu, aBapostile, nabanye abalandeli bakaYesu Krestu. ITestamente eNtsha yahlulwe ngokuqhelekileyo yaziiVangeli, Izenzo zaBapostile, iincwadi zikaPawulos, iincwadi jikelele, nencwadi yeSityhilelo.
IiVangeli ezine—iincwadi zikaMateyu, uMarko, uLuka, noYohane—ziziingxelo zobomi bukaKrestu. Incwadi yeZenzo ibhale ngembali yeBandla naBapostile, ngokukodwa iihambo zobufundisi bukaPawulos, emva kokufa kukaKrestu. Incwadi zikaPawulos zinika umyalezo kwiinkokeli zeBandla namalungu. Ezinye iincwadi zazibhalwe ngabanye aBapostile kwaye zinika ingcebiso eyongeziweyo kwabaNgcwele bokuqala. Incwadi yeSityhilelo, eyayibhalwe nguMpostile uYohane, iqulathe ubuninzi beziprofetho eziphathelele kwimihla yokugqibela.