Uncedo lweZifundo
KwabaseFilipi, Incwadi eya


KwabaseFilipi, Incwadi eya

Incwadi uPawulos awayibhalela abaNgcwele eFilipi ngexesha awayesentolongweni eRoma ixesha lokuqala. Ngoku iyincwadi yabaseFilipi kwiTestamente eNtsha.

Isahluko 1 siqulathe imibuliso kaPawulos nemiyalelo yakhe kumanyano, intobeko, nenzondelelo. Isahluko 2 sicinezela ukuba bonke baya kuqubuda kuKrestu nokokuba umntu ngamnye umele ukusebenzela usindiso olulwakhe. Kwisahluko 3, uPawulos wachaza ukuba uthe wancama zonke izinto ngenxa kaKrestu. Kwisahluko 4, uPawulos wabulela abaNgcwele baseFilipi ngenxa yoncedo lwabo.