Bulali, Lulama Khangela kanjalo Monde; Ntliziyo eyaphukileyo; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Ukoyika uThixo, nobulungisa, thobeka, fundiseka, nomonde phantsi kwembandezelo. Abalulamileyo bazimisele ukulandela iimfundiso zevangeli. UMoses wayethobeke kakhulu, Num. 12:3. Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, IiNd. 37:11 (Mat. 5:5; 3 Nif. 12:5; I&M 88:17). Funani iNkosi, nonke nina balulamileyo; funani ubulungisa, funani ubulali, Zef. 2:3 (â… Â Tim. 6:11). Fundani kum kuba ndinobulali kwaye ndithobekile ngentliziyo, Mat. 11:29. Ubulali sisiqhamo soMoya, Gal. 5:22–23. Isicaka seNkosi masithambe, sifanele ukufundisa, umonde, ekuqeqesheni ngobulali abo baphikayo, â…¡Â Tim. 2:24–25. Umoya olulamileyo nozolileyo ulixabiso elikhulu emehlweni kaThixo, â… Â Petr. 3:4. Bekani kude umntu wemvelo nize nibe nokululama, Moz. 3:19 (Alma 13:27–28). UThixo wayalela uHilamani afundise abantu ukululama, Alma 37:33. Ubabalo lweNkosi lwanele abalulamileyo, Etere 12:26. Unokholo kuKrestu ngenxa yobulali bakho, Moro. 7:39. Akukho namnye owamkelekileyo phambi koThixo ngaphandle kwabanobulali nabathobekileyo, Moro. 7:44. Uxolelo lwezono luzisa ubulali, kwaye ngenxa yobulali kuza ukuvelelwa ngoMoya oyiNgcwele, Moro. 8:26. Hambani kubulali boMoya wam, I&M 19:23. Lawula indlu yakho ngobulali, I&M 31:9. Amandla nempembelelo yobubingeleli zinako ukugcinwa ngokuthamba nobulali, I&M 121:41.