Msindisi Khangela kanjalo Yesu Krestu Omnye osindisayo. UYesu Krestu, ngeNtlawulelo Yakhe, wanikela inkululeko nosindiso kulo lonke uluntu. “UMsindisi” ligama nesihlonipho sikaYesu Krestu. INkosi ngumkhanyiseli wam nosindiso lwam, IiNd. 27:1 (Eks. 15:1–2; Ⅱ Sam. 22:2–3). NdiyiNkosi; kwaye akukho msindisi ingendim, Isaya 43:11 (I&M 76:1). Mbize ngegama elinguYesu: kuba uya kusindisa abantu bakhe ezonweni zabo, Mat. 1:21. Nizalelwe namhlanje uMsindisi, onguKrestu iNkosi, Luka 2:11. UThixo wenjenje ukulithanda ihlabathi ude uNyana oKuphela koZelweyo weza kusindisa abantu, Yoh. 3:16–17. Akukho gama limbi ngaphandle kwelikaKrestu umntu anokusindiswa ngalo, Izenzo 4:10–12 (2 Nif. 25:20; Moz. 3:17; 5:8; I&M 18:23; Moses 6:52). Emazulwini sikhangela uMsindisi, iNkosi uYesu Krestu, Fil. 3:20. UYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi, Ⅰ Yoh. 4:14. INkosi iphakamise uMesiya, uMsindisi wehlabathi, 1 Nif. 10:4. IMvana kaThixo nguMsindisi wehlabathi, 1 Nif. 13:40. Ulwazi loMsindisi luya kunabela kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu, Moz. 3:20. UKrestu waba nokufa ukuze usindiso lube nako ukuza, Hil. 14:15–16. Ukugwetywa nokungcwaliswa nguMsindisi zilungile kwaye ziyinyani, I&M 20:30–31. NdinguYesu Krestu, uMsindisi wehlabathi, I&M 43:34. Owam oKuphela koZelweyo nguMsindisi, Moses 1:6. Njengokuba abaninzi bekholelwa kuNyana baze baguquke ezonweni zabo baya kusindiswa, Moses 5:15.