Uncedo lweZifundo
INumeri


INumeri

Yincwadi yesine kwiTestamente eNdala. UMoses wabhala incwadi yeNumeri. Incwadi yeNumeri ibalisa ibali lohambo lukaSirayeli ukusuka kwiNtaba yeSinayi ukuya kumathala kaMowabhi kumda waseKanan. Esinye sezifundo ezibalulekileyo esifundisayo kukuba abantu bakaThixo bamele ukuhamba ngokholo, bethemba izithembiso Zakhe, ukuba baya kuqhubekeka ngempumelelo. Ibalisa ngesohlwayo sikaThixo sikaSirayeli sokungathobeli kwaye inika ulwazi ngemithetho kaSirayeli. Igama lencwadi livela ebukhulwini bamaneni obalo lwabantu (Num. 1–2; 26).

Izahluko 1–10 zibalisa ngolungiselelo lwamaSirayeli lokunduluka eSinayi. Izahluko 11–14 zichaza ukumatsha ngokwako, ukuthunyelwa kweentlola eKanan, nokwala kukaSirayeli ukungena elizweni lesithembiso. Izahluko 15–19 ziqwalasela imithetho eyahlukeneyo neziganeko zembali. Izahluko 20–36 zyimbali yonyaka wokugqibela yabantu entlango.

Shicilela