Nkosi Khangela kanjalo Thixo, Ntloko yoButhixo; Yesu Krestu Igama lentlonipho enzulu nembeko kuThixo uYise noMsindisi uYesu Krestu. Igama elibhekisele kwizikhundla Zabo njengeenkosi eziphezulu, ezinothando phezu kwendalo Yazo. Kukho nto engayinqabelayo na iNkosi, Gen. 18:14. INkosi yathetha noMoses ubuso ngobuso, Eks. 33:11. Uze uyithande iNkosi uThixo wakho, Dut. 6:5 (Mat. 22:37; Marko 12:30). Ke mna nendlu yam, siya kukhonza iNkosi, Yosh. 24:15. INkosi ngumalusi wam, IiNd. 23:1. INkosi yomelele kwaye inamandlakazi, inamandlakazi emfazweni, IiNd. 24:8. INkosi uYehova ikukomelela kwam, Isaya 12:2 (2 Nif. 22:2). Mna iNkosi uMsindisi wakho noMkhululi wakho, Isaya 60:16. Uze unqule iNkosi uThixo wakho, Mat. 4:10 (Luka 4:8). Zinkulu kangakanani izinto iNkosi ezenzileyo, Marko 5:19. Inye iNkosi uYesu Krestu, â… Â Kor. 8:6. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, Efese 4:5. INkosi ngokwayo iya kuhla ivela emazulwini, â… Â Tes. 4:16. Ndiya kuhamba ndize ndenze izinto iNkosi endiyalele zona, 1 Nif. 3:7. INkosi iya kugweba amahlwempu ngobulungisa, 2 Nif. 30:9. INkosi uThixo, uThixo ka-Abraham, wawakhulula amaSirayeli aphuma ebukhobokeni, Alma 29:11. Akukho nto inako ukusindisa abantu ngaphandle kwenguquko nokholo eNkosini, Hil. 13:6 (Moz. 3:12). Mamelani amazwi kaYesu Krestu, iNkosi yenu, I&M 15:1. Funani ubuso beNkosi rhoqo, I&M 101:38. INkosi iya kuba yingqombela kwisivatho sayo ekuBuyeni kweSibini, I&M 133:48 (Isaya 63:1–4). UAbraham wathetha neNkosi ubuso ngobuso, Abr. 3:11. Sikholwa ekubeni umgaqo wokuqala wevangeli lukholo eNkosini uYesu Krestu, V zoK 1:4.