Nceba, Nenceba Khangela kanjalo Babalo; Bulungisa, Lungileyo; Hlawulela, Ntlawulelo; Xolela; Yesu Krestu Umoya wemfesane, ukuthamba, noxolelo. Inceba yenye zeempawu zikaThixo. UYesu Krestu wasinika inceba ngedini Lakhe elihlawulelayo. INkosi inenceba kwaye inobabalo, Eks. 34:6 (Dut. 4:31). Inceba yakhe inyamezela ngonaphakade, â… Â IziKr. 16:34. Okulungileyo nenceba ziya kundilandela, IiNd. 23:6. Lowo unenceba kumahlwempu unoyolo, ImiZ. 14:21. Ndinqwenela inceba ingelilo idini, Hos. 6:6. Banoyolo obanenceba: kuba baya kuzuza inceba, Mat. 5:7 (3 Nif. 12:7). Yeha bahanahanisi abanikela izishumi nize nizishiyele ezono ndawo zinzima zomthetho, umgwebo, inceba, nokholo, Mat. 23:23. Yibani nenceba ke ngoko, njengokuba naye uYihlo kanjalo enenceba, Luka 6:36. Akungengamisebenzi yethu yosebulungisa, kodwa kungokwenceba yakhe owasisindisayo, Tito 3:5. Iinceba ezinemfesane zeNkosi ziphezu kwabo bonke, 1 Nif. 1:20. Inceba ayinabango kwabangaguqukiyo, Moz. 2:38–39. UThixo unenceba kubo bonke abakholwayo egameni lakhe, Alma 32:22. Inceba inako ukuzalisekisa iimfuno zobulungisa, Alma 34:16. Nicingela ukuba inceba inganako ukubuhlutha ubulungisa, Alma 42:25 (Alma 42:13–25). Abantwana abancinane baphilile kuKrestu ngenxa yenceba yakhe, Moro. 8:19–20 (I&M 29:46). Ingalo kaYesu Krestu yenceba ihlawulele izono zenu, I&M 29:1. Ngenxa yegazi endaliphalazayo, ndabacengela phambi koBawo abo bakholelwa egameni lam, I&M 38:4. Abo bathe bagcina umnqophiso baya kuzuza inceba, I&M 54:6. Mna, iNkosi, ndixolela izono, kwaye ndinenceba kwabo bazivumayo izono zabo ngeentliziyo ezithobekileyo, I&M 61:2. Mna, iNkosi, ndibonisa inceba kubo bonke abanobulali, I&M 97:2. Kwaye abo bamkela wena njengomntwana omncinane, bamkela ubukumkani bam, kuba baya kuzuza inceba, I&M 99:3. Inceba iya kuhamba phambi kobuso bakho, Moses 7:31.