Uncedo lweZifundo
Qhawulo-mtshato


Qhawulo-mtshato

Ukupheliswa komtshato ngegunya loburhulumente okanye lomthetho wecawe. NgokweTestamente eNtsha, uThixo wavumela uqhawulo-mtshato phantsi kweemeko ezithile ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabantu; nangona kunjalo, njengoko uYesu wachazayo, “ukususela ekuqalekeni kwakungenjalo” (Mat. 19:3–12). Izibhalo ziyasicebisa jikelele ngokuchasene noqhawulo-mtshato kwaye zicebisa amadoda nabafazi ekubeni bathandane nobulungisa (Ⅰ Kor. 7:10–12; I&M 42:22).

Shicilela