Bulumko Khangela kanjalo Lwazi; Nyaniso; Qonda Ukuba nako okanye isipho esivela kuThixo sokugweba ngokulungileyo. Umntu uzuza ubulumko ngamava nokufunda nzulu nangokulandela ingcebiso kaThixo. Ngaphandle koncedo lukaThixo, umntu akanabo ubulumko benene (2 Nif. 9:28; 27:26). UThixo wanika uSolomon ubulumko, â… Â OoKum. 4:29–30. Ingqalo yobulumko ithi: ke ngoko rhweba ubulumko, ImiZ. 4:7. Orhweba ubulumko uthanda umphefumlo wakhe, ImiZ. 19:8. UYesu wakhula ebulumkweni, Luka 2:40, 52. Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, Yak. 1:5 (I&M 42:68; M—JS 1:11). Ndinixelela ezi zinto ukuze nibe nokufunda ubulumko, Moz. 2:17. Funda ubulumko ebutsheni bakho, Alma 37:35. Abangcwele baya kufumana ubulumko neendyebo ezinkulu zolwazi, I&M 89:19. Vumelani lowo ungaziyo afunde ubulumko ngokuzithoba nangokubiza eNkosini, I&M 136:32.