Ntlalo-ntle Khangela kanjalo Amalizo, Kunika amalizo; Inzila, Zila; Mahlwempu; Mnikelo; Msebenzi/Nkonzo Yinkqubo nendlela yokukhathalela iintswelo zabantu ngokwasemoyeni nezasenyameni. Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho, olihlwempu lakho, nolisizana lakho elizweni lakho, Dut. 15:11. Opha ihlwempu akasweli, ImiZ. 28:27. Ukuzila endikunyulileyo asikoku na? ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini yakho abaziintsizana, Isaya 58:6–7. Ndandilambile kwaye nandipha ukudla; ndandingowasemzini kwaye nandingenisa endlwini. Xa nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, ne njenjalo kum, Mat. 25:35–40. Nikelani ngento yenu kulowo udinga uncedo, Moz. 4:16–26. Banikela omnye komnye okwasenyameni nokwasemoyeni ngokweentswelo zabo neemfuno, Moz. 18:29. Babeyalelwe ukuba bamanyane ekuzileni nasemthandazweni ngenxa yentlalo-ntle yabo babengamazi uThixo, Alma 6:6. Thandazelani intlalo-ntle yenu nentlalo-ntle yabo baningqongileyo, Alma 34:27–28. Babenezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo, 4 Nif. 1:3. Khumbulani amahlwempu, I&M 42:30–31. Velelani amahlwempu nabasweleyo, I&M 44:6. Khumbulani ezintweni zonke amahlwempu nabasweleyo, I&M 52:40. Yeha kuni abazizityebi abangayi kunika izinto zabo kumahlwempu, kwaye yeha kuni mahlwempu anganelisekanga, anyolukileyo nangayi kusebenza kwabo, I&M 56:16–17. EZiyon kwakungekho mahlwempu phakathi kwabo, Moses 7:18.