Izebhele
Umfazi okhohlakeleyo kwiTestamente eNdala kwilizwe laseFoneshiya. Wayengumfazi ka-Ahabhi (â… Â OoKum. 16:30–31), ukumkani wakwaSirayeli owalawula ngethuba uEliya awayengumprofeti.
Umtshato kaIzebhele kuAhabhi, ngaphezu kunaso nasiphina esinye isiganeko esisodwa, wadala ukuwa phantsi kobukumkani basentla bakwaSirayeli; uIzebhele wazisa kwaSirayeli ezona ntlobo zimbi zonqulo lwezithixo ezivela elizweni lakhe endaweni yonqulo lukaYehova (â… Â OoKum. 18:13, 19).